Author: Ntombovuyo Ngaphu

Umfundi weeMastazi kwiYunivesithi iRhodes, uBabalwa Resha waphantse walahlekelwa yimoto yakhe ekukuphela kwayo kulo nyaka uphelileyo ngenxa yamasela eemoto awavula imoto yakhe engekho. UResha uthi wayeyishiye kwenye yeendawo zokumisa iimoto eRhodes imoto yakhe, wothuka xa efika kukho isitshixo esophukele elucwangweni lwayo. Wasinda ngokulambisa nanjengoko kwakucaca ukuba la masala akwazile ukungena ngaphakathi emotweni ze akhangela anokukweba. Ngethamsanqa, kwakungekho nto yaxabiso ngaphakathi emotweni. Bafumana nje izitshixo zendlu yakhe. UResha uthi esi siganeko senzeka ngorhatya, ze wavuka yena ngentseni elandelayo waya kumakhenikhi wakhe, uSinethemba Mbongwana owamcebisa ukuba athenge izitshixo ezibizwa ngokuba zii-universal keys/isolex system ukuze akhusele imoto yakhe, ingavulwa nangubani. I-universal key sisitshixo esiqhelekileyo esihamba…

Read More

Phakathi kolwaphulo-mthetho, intlupheko nezinye izinto ezimbi ezenzekayo kwidolophu yaseRhini, kukho inxenye yolutsha olusebenzisa izakhono zalo ngeenzame zokuziphuhlisa. Omnye wabo bantu nguNgqiqokaBawo Ncwadi (26) waseHlalani owathatha isigqibo sokusebenzisa isakhono sakhe sokwenza imizobo ezimpahleni, ukwenza amacici neentsimbi zomqala njengendlela yokuziphilisa. UNcwadi usebenzisa imbewu yeziqhamo ezithile, amalaphu nofele ukwenza amacici amile ngeendlela ezahlukeneyo ezinika umdla. Uphinda athenge izikipha, iilokhwe neebhlukhwe ze azobe okanye aprinte kuzo imifanekiso yamaqhawe namaqhawekazi omzabalazo aseMzantsi Afrika nakwilizwe jikelele. Ubandakanya nemifanekiso yeemvumi ezidumileyo ezinjengoBrenda Fassie, okanye afake umfanekiso womntu lowo ufuna ukuthenga isikipha okanye ilokhwe, ngokuzikhethela kwakhe. Uncwadi uthi wayedla ngokubona lo msebenzi wokuprinta usenziwa nguMzukisi Langeni nowayedla…

Read More

Nangona abantwana abaninzi abazokuqala ibanga u-R okanye ibanga lokuqala bedla ngokukhala xa beshiywa ngabazali babo ezikolweni, khange kubekho nochiphi weenyembezi ngosuku lokuvulwa kwezikolo, i-17 kweyoMqungu ku-2018 e-Oatlands Preparatory School. “Akukho mntwana ukhalayo kulo unyaka. Kunyaka ophelileyo ndandinabantwana abathile abakhala iiveki ezimbini zonke, kodwa abalo nyaka babonakala bekhululekile,” utshilo Alison Dugmore ongutitshalakazi webanga u-R e-Oatlands Preparatory School. Ngokokutsho kwenqununu yesi sikolo, uRosaria de la Mare, kubalulekile ukuba abazali balibambe ixesha lokungena nelokuphuma kwesikolo, bazibandakanye kwizinto ezenziwa sisikolo yaye bakhe ubudlelwane obububo nootitshala babantwana babo. Ukwathi abazali mabaziqhelise ukumamela amacala omabini ebali xa kuthe kwabakho ukungavisisani phakathi komntwana notitshala wakhe, endaweni yokumamela oko…

Read More