Join the big clean-up this Sunday!

0

When Siphokazi Pango posted a statement on Facebook expressing her concerns about the state of litter in Makhanda (Grahamstown), there was an overwhelmingly positive response from communities to get involved and start cleaning up our town.

“We need all residents and businesses to do whatever they can, no matter how small, to get involved, and would like to thank Wallace’s Pharmacy who have already donated 100 pairs of sterile latex gloves for our first clean-up,” said Pango and her partner in action, Rose Grant.

A small group met on 17 January, focusing on raising awareness in communities and working with Makana Municipality to bring about a clean town for all. In addition to working at creating a deeper sense of awareness, the groups would organise regular clean ups, initially focusing on the following areas:
1. Fairview Spring and Beaufort Street (27 January from 9-11 am)
2. Extension 6 (opposite the two taverns)
3. The area surrounding Archie Mbolekwa Primary School
4. High Street, Bathurst Street and Hill Street
5. The Bridge at George Street
6. Albany Road and the Old Cemetery

The first clean-up is scheduled for Sunday 27 January from 9am to 11 am.

“Even if you can give up an hour of your time, this will make all the difference!” said Pango and Grant.

“If you can, please bring black bags. We would appreciate if people who are willing to provide a bakkie would help to transport the black bags to the rubbish dump.”

Participants are asked to meet at the police station in Beaufort Street at 8.45am, from where the team will set out.

For more information contact Siphokazi Pango at 083 256 6306 or Rose Grant at 079 5165499

Calling on: All concerned citizens and businesses
Clean up: Fairview Spring and Beaufort Street
Date and time: Sunday 27 Jan: 9-11 am

 

Ikhwelo Kubahlali: Ilinge lokucoca isixeko, ngeCawe ngowama-27 kuJanyuwari

Kujoliswe: eMthonjeni naseBeaufort Street

USiphokazi Pango esakubhala kuFacebook ephalaza imbilini yakhe malunga nokungakholwa kwakhe sisimo senkunkuma ethe saa edolophini kuye kwakho iimpendulo ezinefuthe elincomekayo zivela kubahlali bexhasa lo mbono wokuba kuqaliswe ukucoca le dolophu kwaye befuna ukuthatha inxaxheba. Sinqwenela ukuba bonke abahlali namashishini benze oko kusemandleni abo, nokuba kuncinci kangakanani, bathathe inxaxheba, yaye singathanda ukubulela iziko lamayeza iWallace elithe lafaka isandla ngokusipha malunga ne-100 lezikhuselizandla (gloves) ukulungiselela isiqendu sokuqala sokucoca idolophu!

Iqaqobana labantu abamalunga ne-17 baye badibana ngowe-17 kuJanyuwari. Owona mba ubuphambili ibikukuxoxa ngeendlela ezinokusetyenziswa ukwazisa abahlali kwaye bakwazi ukusebenzisana noMasipala xa kucocwa le dolophu. Ukongeza kulo msebenzi wokuqinisekisa ukuba eli phulo lifikelela ezindlebeni zabaninzi, eli qela liza kuqinisekisa ukuba kuqokelelwa inkunkuma rhoqo. Kuza kuqalwa ngezi zithili okanye ezi ndawo zilandelayo:

  1. EMthonjeni nakwisitalato iBeaufort (ngowama-27 kuJanyuwari ukusuka 9-11 kusasa)
  2. E-Extension 6 (phambi kweethaveni ezimbini)
  3. Ummandla ongqonge iArchie Primary School
  4. EHigh Street, eBathurst Street naseHill Street
  5. Kwibhlorho ekwisitalato iGeorge
  6. EAlbany Road nasemangcwabeni amadala

Eli phulo liza kuqala ngeCawe umhla wama-27 kuJanyuwari ukusuka kweye-9 ukuya kweye-11 kusasa. Nokuba ungachitha nje iyure kwixesha lakho, eli linge liza kwenza umahluko omkhulu! Ukuba unakho, sicela uze noolinda (iibhegi ezimnyama zenkunkuma). Singavuya ukuba kungakho abantu abanomdla wokubonelela ngebakkie ukwenzela ukuthutha oolinda basiwe kwindawo yokulahla inkunkuma. Abathathinxaxheba bayacelwa badibane kwisitishi samapolisa kwisitalato iBeaufort. Siza kucwangcisa zonke izinto apho.

Ukuba ufuna iingcombolo ezithe vetshe, qhagamshelana naba baququzeleli:

uSiphokazi Pango 083 2566306/ uRose Grant: 079 5165499

Facebook Comments

About Author

Comments are closed.