Isimbonono ngokuwa kokaMtukudzi

0

Ngu: Dudu Saki

As we celebrate Black History during the month of February, local imbongi Dudu Saki offers this eulogy about the late Zimbabwean music legend Oliver Mtukudzi who passed on last month. Mawethu nanku omnye unyana wenu uDudu enimaziyo abaninzi. Ngowa lapha eMakhanda.

Iwuuu! Madoda nisivile eso sithonga
Sokuwa komthi omkhulu siwubuka
Suke neengcambu wasiphuka
Sakhamnqisek’ isizwe kukothuka
Abafazi bathwal’ izandla benesijwili
Amadoda abamb’ ongezants’ enesingqala
Awu! Madoda, kufa kambe awunalusini
Thungandini olude olunomdintsi
Imnkile ingqanga kazi amathole odlani?
Umnkile umqhagi omfusa kazi kokhonya bani?
Linabile iciko, uqaqaqa uzakwenela esifubeni
limxhwile isela okaMtukudzi kwasala iinkumbulo
Ndiyalichila eli shwangusha ndingesosanusi!
Ndiyawubhebhetha lo mshologu ndingengosiyazi!
Ndiyandolosa kambe ndigxoth’ ukufa
Huntshu! Silondandini esingenabande
Huntshu! kuwe nqwelondini evunywe ngabathakathi
Buyel’ apho ubuvela mbodlindini endolosa ngobututu
Ntondini edla igqib’ isizwe ngobuthuntu

Iwuuu!

Facebook Comments

About Author

Azlan Makalima, a Grocotts Mail Online Producer and a Head-Director at Multimedia Makenik, a Small Medium Micro Enterprise on Event Management, Graphic, Audio and Visual Design.

Comments are closed.