Hope is what sustains us

0

Ngu: Dudu Saki

The poem is about HOPE. According to the imbongi, hope is what sustains us even when we look at our
circumstances and find that they are contrary to what we’re going through. Please read and be encouraged.

Ithemba

Camagwini mabandla ase Makhanda.

Ngumsobomvu owandulel’ ilanga
emva kwesithoko-thoko esingenanyanga
Ngumnyama emva kwesichotho
Yinzolo emva koqhwithel’ olumandla
Yintsholo yeentaka zibulel’ Ophezukonke
Zizingqi zamadoda ngentseni esiya kuxelengel’ inyama
Yintliziyo exhuma-xhuma kwisifuba esifumbeth’ uthando

ithemba

Ngumbulelo usakusindlekwa ngobubele
Yintong’ asekhosi kwabathokombisileyo
Yinkwenkwezi esemaNtla, isikhokelo kubahambi
Lilitha elikukhanyisela sewukwabhadakazi
Yingoma ezingileyo usawucand’ iintsunguzi
Ngumthuthuzeli okumbhambhazela ngoyolo
Ngumfudumezi kumaqhwa angenanceba
Ngumondolozi usakufulathelwa zizihlobo
Lilo ke elo ithemba lokwenene!

Facebook Comments

About Author

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.