Kunetha imvula yamanqaku kwibhola yabaselula

0

NguCHRIS TOTOBELA
Bekunzima kumabala aseDlepu eJoza kulempela veki esisuka kuyo nalapho imidlalo yabo baselula ibiqhuba khona. Kwabo baneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu iSakhulutsha ivuthulule iMaru ngamanqaku alishumi elinesithoba eqandeni, logama iYoung Eagles ibhungce nje ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo wabo neAfrican Spears.

INewseekers neJoza Callies zibambene ngamanqaku amathathu macala. IFingo United ibhaxabule iGrahamstown United ngamanqaku alithoba eqandeni yaze yona iSophia Stars yaquthisa iJacaranda Aces ngamanqaku angamashumi amabini ananye eqandeni.

IGolden Brothers ibethe iEluxolweni ngamathathu kwelinye logama iCity Pirates ethande ungeva mvanje ibethe iLakhenathi ngamahlanu kwamabini yaze iCameroon yazixhwithela kwiFuture Stars ngamabini kwelinye. K

wabo baneminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu iSakhulutsha ibhaxabule iMaru ngamanqaku alithoba eqandeni, logama iCity Pirates ibethe iLakhenathi ngamabini eqandeni yaze yaphinda iCameroon yabetha iFuture Stars ngamabini kwelinye.

INew Seekers ibhaxabule iJoza Callies ngamane kwamabini logama iGolden Brothers izityele itheko kwiEluxolweni ngamahlanu kwelinye, yaze yona iYoung Eagles yazibethela iAfrican Spears ngamane kwelinye.

Kowokugqibela iGrahamstown United ibuyise isidima sayo ngethuba ibetha iFingo United ngamanqaku amabini eqandeni.

Facebook Comments

About Author

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.